Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 21:40-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Iyonke imizi yoonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo eseleyo, emizalwaneni yabaLevi, iqashiso labo laba yimizi elishumi elinamibini.

41. Iyonke imizi yabaLevi phakathi kwelifa loonyana bakaSirayeli yaba yimizi engamashumi mané anesibhozo, inamadlelo ayo.

42. Yonke loo mizi ngaminye yaba nedlelo layo ngeenxa zonke; kwaba njalo kuloo mizi yonke.

43. UYehova wawanika ke amaSirayeli lonke ilizwe abelifungele ooyise ukuba wobanika; alihlutha ahlala kulo.

44. UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo.

45. Akuwanga zwi phantsi, emazwini onke alungileyo awawathethayo uYehova kwindlu kaSirayeli; enzeka onke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 21