Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 21:38-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Esizweni sakwaGadi, iRamoti kwelaseGiliyadi nedlelo layo, umzi ke wokusabela umbulali; neMahanayim nedlelo layo,

39. neHeshbhon nedlelo layo, neYazere nedlelo layo: iyonke loo mizi miné.

40. Iyonke imizi yoonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo eseleyo, emizalwaneni yabaLevi, iqashiso labo laba yimizi elishumi elinamibini.

41. Iyonke imizi yabaLevi phakathi kwelifa loonyana bakaSirayeli yaba yimizi engamashumi mané anesibhozo, inamadlelo ayo.

42. Yonke loo mizi ngaminye yaba nedlelo layo ngeenxa zonke; kwaba njalo kuloo mizi yonke.

43. UYehova wawanika ke amaSirayeli lonke ilizwe abelifungele ooyise ukuba wobanika; alihlutha ahlala kulo.

44. UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo.

45. Akuwanga zwi phantsi, emazwini onke alungileyo awawathethayo uYehova kwindlu kaSirayeli; enzeka onke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 21