2. Kwathiwa kukumkani waseYeriko, Yabona, kufike apha ebusukunje amadoda avela koonyana bakaSirayeli, eze kuhlola eli lizwe.
3. Wathumela ukumkani waseYeriko kuRahabhi, esithi, Wakhuphe amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yakho; kuba aze kulihlola lonke ilizwe.
4. Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;
5. kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, amadoda lawo aphuma; andazi ukuba ayé ngaphi na amadoda lawo; wasukeleni kamsinya, ngokuba nowafumana.
6. Ke yona yayiwanyusele phezu kwendlu, yawaqhusheka ezindizeni zeflakisi,* eyabe izicwangcise phezu kwendlu.
7. Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni; lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.
8. Engekalali amadoda, yenyuka yona yaya kuwo phezu kwendlu; yathi kuloo madoda,
9. Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba sìwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathé amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.
10. Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu* phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, ooSihon no-Ogi, enabasingela phantsi.