Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 2:11-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Sivile ke, zanyibilika iintliziyo zethu, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo mntwini ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha.

12. Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso;

13. nimsindise ubawo, noma, nabanakwethu, noodade bethu, neento zonke abanazo, niyihlangule imiphefumlo yethu ekufeni.

14. Athi kuyo amadoda lawo, Umphefumlo wethu wofa esikhundleni sowenu, ukuba aniyixelanga le nto yethu; kothi ekunikweni kwethu eli lizwe nguYehova, sikwenzele inceba nenyaniso.

15. Yawahlisa ke ngentsontelo ngefestile; kuba indlu yayo yabe iseludongeni lomzi; yayihleli eludongeni.

16. Yathi kuwo, Yiyani entabeni, hleze baqubisane nani abo banisukelayo; zimelani khona iintsuku zibe ntathu, bade babuye abo banisukelayo, nandule ke ukuhamba indlela yenu.

17. Athi kuyo amadoda lawo, Soba msulwa kwesi sifungo sakho usifungise sona.

18. Uyabona, sákufika kweli lizwe, wobopha intsontelo yosinga olu lubomvu efestileni le usihlise ngayo; uhlanganisele kuwe endlwini yakho uyihlo, nonyoko, nabanakwenu, nendlu yonke kayihlo.

19. Kothi, bonke abasukuba bephuma emnyango endlwini yakho, besiya phandle, igazi labo libe phezu kwentloko yabo, sibe msulwa thina; ke bonke abasukuba bekuwe endlwini, igazi labo loba phezu kwentloko yethu, ukuba kuthe kwasiwa sandla kubo.

20. Ukuba ke uthe wayixela le nto yethu, sòba msulwa esifungweni sakho osifungise sona.

21. Yathi ke, Makube njengamazwi enu, kube njalo. Yawandulula, ahamba ke. Yayibopha intsontelo ebomvu efestileni.

22. Ahamba ke aya entabeni, ahlala khona iintsuku zantathu, bada babuya abo bawasukelayo; bafuna abo bawasukelayo endleleni yonke, abawafumana.

23. Abuya amadoda omabini, ehla entabeni, awela, afika kuYoshuwa unyana kaNun, ambikela zonke izinto afumenene nazo.

24. Athi kuYoshuwa, UYehova ulinikele esandleni sethu lonke ilizwe elo; kananjalo bathé amandla bonke abemi belizwe phambi kwethu.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 2