Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYoshuwa unyana kaNun wesusa amadoda amabini aziintlola, esithi ngasese, Hambani niye kulikhangela ilizwe neYeriko.Ahamba ke, aya endlwini yenkazana elihenyukazi, egama linguRahabhi, alala khona.

2. Kwathiwa kukumkani waseYeriko, Yabona, kufike apha ebusukunje amadoda avela koonyana bakaSirayeli, eze kuhlola eli lizwe.

3. Wathumela ukumkani waseYeriko kuRahabhi, esithi, Wakhuphe amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yakho; kuba aze kulihlola lonke ilizwe.

4. Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;

5. kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, amadoda lawo aphuma; andazi ukuba ayé ngaphi na amadoda lawo; wasukeleni kamsinya, ngokuba nowafumana.

6. Ke yona yayiwanyusele phezu kwendlu, yawaqhusheka ezindizeni zeflakisi,* eyabe izicwangcise phezu kwendlu.

7. Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni; lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.

8. Engekalali amadoda, yenyuka yona yaya kuwo phezu kwendlu; yathi kuloo madoda,

9. Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba sìwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathé amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 2