Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 19:31-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

32. Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo.

33. Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini* yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;

34. wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenotitabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.

35. Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,

36. neAdama, neRama, neHatsore,

37. neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore,

38. neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo.

39. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

40. Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 19