Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 19:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli;

15. neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo.

16. Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

17. Iqashiso lesiné lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo.

18. Umda wabo wasinga kwiYizereli,

19. neKesuloti, neShunem, neHafarayim,

20. neShihon, neAnaharati, neRabhiti,

21. neKishiyon, neAbhetse, neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse.

22. Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo.

23. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 19