Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 18:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. alabe libe zizabelo ezisixhenxe; uYuda eme emdeni wakhe ngasezantsi, indlu kaYosefu ime emdeni wayo ngasentla.

6. Nina ke nilibhale ilizwe lezabelo ezo zisixhenxe, niyizise ingxelo kum apha, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova uThixo wethu apha.

7. Kuba abaLevi àbanasabelo phakathi kwenu, kuba ilifa labo bububingeleli bukaYehova; ke uGadi noRubhen nesiqingatha sesizwe sikaManase basebelithabathile ilifa labo awabanika lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan ngasempumalanga.

8. Asuka ke amadoda lawo ahamba. UYoshuwa wabawisela umthetho abo bahambáyo beya kulibhala ilizwe, esithi, Yiyani, nilihambe ilizwe, nilibhale, nize nibuyele kum, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova eShilo apha.

9. Aya ke amadoda lawo, acanda ezweni apho, alibhala ngokwemizi, ngokwezabelo ezisixhenxe encwadini; eza ke kuYoshuwa eminqubeni eShilo.

10. Waza uYoshuwa wawawisela amaqashiso eShilo phambi koYehova; uYoshuwa wababela ilizwe oonyana bakaSirayeli khona ngokweentlantlu zabo.

11. Kwavela iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; umda weqashiso labo waphuma phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu.

12. Umda wabo ngasecaleni lasentla wathabathela eYordan, wenyuka waya egxalabeni laseYeriko ngasentla, wenyuka waya ezintabeni ngasentshonalanga; ukuma kwawo, waya wema ngentlango yaseBhetaven;

13. wegqitha umda khona, waya eLuzi, egxalabeni leLuzi ngasezantsi (yiBheteli ke leyo); wehla umda waya eAtaroti-adare, ngasezintabeni ezingasezantsi kweBhete-horon yasezantsi.

14. Wahlaba umda, wajika waya ecaleni lasentshonalanga ngasezantsi, usuka entabeni ephambi kweBhete-horon ngasezantsi; ukuma kwawo, waya wema ngeKiriyati-bhahali (yiKiriyatiyeharim ke leyo), umzi woonyana bakaYuda. Lilo elo icala lasentshonalanga.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 18