Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 18:15-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Icala lasezantsi lathabathela ekupheleni kweKiriyati-yeharim; waphuma umda entshonalanga, waphuma waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa.

16. Wehla umda waya ekupheleni kwentaba ephambi komfula woonyana kaHinom, osentilini yamaRafa ngasentla; wehla ngomfula wakwaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi, wehla waya e-En-rogele;

17. wahlaba uvela entla, waphuma waya e-En-shemeshe, waphuma waya eGeliloti, emalunga nokunyuka kweAdumim; wehla waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen;

18. wegqitha waya egxalabeni elimalunga neArabha entla, wehla waya eArabha;

19. wegqitha umda waya egxalabeni laseBhete-hogela entla; ukuma komda, waya wema ngechweba loLwandle lweTyuwa, ekupheleni kweYordan ngasezantsi; nguwo lowo umda wasezantsi.

20. IYordan ibe ingumda walo ngecala lasempumalanga. Lilo elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemida yalo ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.

21. Ke imizi yesizwe soonyana bakaBhenjamin, ngokwemizalwane yabo, ibe iyiYeriko, neBhete-hogela, nentili yaseKetsitse,

22. neBhete-arabha, neTsemarayim,

23. neBheteli, neAvim, nePara, neOfra,

24. neKefar-amoni, neOfeni, neGabha: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo;

25. iGibheyon, neRama, neBheheroti,

26. neMizpa, neKefira, neMotsa,

27. neRekem, neIrpeli, neTarala,

28. neTsela, ne-Elefe, nowamaYebhusi (yiYerusalem ke leyo); neGibheha, neKiriyati: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo. Lilo ke elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 18