Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 18:12-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Umda wabo ngasecaleni lasentla wathabathela eYordan, wenyuka waya egxalabeni laseYeriko ngasentla, wenyuka waya ezintabeni ngasentshonalanga; ukuma kwawo, waya wema ngentlango yaseBhetaven;

13. wegqitha umda khona, waya eLuzi, egxalabeni leLuzi ngasezantsi (yiBheteli ke leyo); wehla umda waya eAtaroti-adare, ngasezintabeni ezingasezantsi kweBhete-horon yasezantsi.

14. Wahlaba umda, wajika waya ecaleni lasentshonalanga ngasezantsi, usuka entabeni ephambi kweBhete-horon ngasezantsi; ukuma kwawo, waya wema ngeKiriyati-bhahali (yiKiriyatiyeharim ke leyo), umzi woonyana bakaYuda. Lilo elo icala lasentshonalanga.

15. Icala lasezantsi lathabathela ekupheleni kweKiriyati-yeharim; waphuma umda entshonalanga, waphuma waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa.

16. Wehla umda waya ekupheleni kwentaba ephambi komfula woonyana kaHinom, osentilini yamaRafa ngasentla; wehla ngomfula wakwaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi, wehla waya e-En-rogele;

17. wahlaba uvela entla, waphuma waya e-En-shemeshe, waphuma waya eGeliloti, emalunga nokunyuka kweAdumim; wehla waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen;

18. wegqitha waya egxalabeni elimalunga neArabha entla, wehla waya eArabha;

19. wegqitha umda waya egxalabeni laseBhete-hogela entla; ukuma komda, waya wema ngechweba loLwandle lweTyuwa, ekupheleni kweYordan ngasezantsi; nguwo lowo umda wasezantsi.

20. IYordan ibe ingumda walo ngecala lasempumalanga. Lilo elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemida yalo ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.

21. Ke imizi yesizwe soonyana bakaBhenjamin, ngokwemizalwane yabo, ibe iyiYeriko, neBhete-hogela, nentili yaseKetsitse,

22. neBhete-arabha, neTsemarayim,

23. neBheteli, neAvim, nePara, neOfra,

24. neKefar-amoni, neOfeni, neGabha: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo;

25. iGibheyon, neRama, neBheheroti,

26. neMizpa, neKefira, neMotsa,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 18