Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 17:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. laba nabanye oonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo; laba noonyana baka-Abhihezere, noonyana bakaHeleki, noonyana baka-Aseriyeli, noonyana bakaShekem, noonyana bakaHefere, noonyana bakaShemida; ngabo abo abantwana abangamadoda bakaManase, unyana kaYosefu, ngokwemizalwane yabo.

3. Ke uTselofehade, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, ebengenanyana; ebeneentombi zodwa. Ngawo la amagama eentombi zakhe: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.

4. Zasondela phambi koElazare umbingeleli, naphambi koYoshuwa unyana kaNun, naphambi kwezikhulu, zathi, UYehova wamwisela umthetho uMoses, ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu. Wazinika ke ngokomlomo kaYehova ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.

5. Zaba lishumi ke izabelo kuManase, ngaphandle kwelizwe laseGiliyadi, neBhashan ephesheya kweYordan;

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 17