Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 17:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwathi, bakomelela oonyana bakaSirayeli, bawafaka uviko amaKanan, àbawagqogqa kuphele.

14. Bathetha oonyana bakaYosefu noYoshuwa, besithi, Yini na ukuba usinike ilifa laqashiso linye, nasabelo sinye, singabantu abaninzi nje, esisikelele nje uYehova kangakanana unangoku?

15. Wathi uYoshuwa kubo, Ukuba ningabantu abaninzi, nyukani niye emahlathini, nizihlahlele ezweni lamaPerizi nelamaRafa, xa kuxineneyo kuni ezintabeni zakwaEfrayim.

16. Bathi oonyana bakaYosefu, Ilizwe eli leentaba alisilingene; ke ziinqwelo zesinyithi kumaKanan onke amiyo ezweni lamathafa aseBheteshehan namagxamesi ayo, kwanasemathafeni aseYizereli.

17. Wathi uYoshuwa kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase, Ningabantu abaninzi, ninamandla amakhulu; aliyi kuba linye iqashiso lenu;

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 17