Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 17:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. KwaIsakare nakwa-Ashere uManase waba neBhete-shehan namagxamesi ayo, neIbleyam namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi base-Endore namagxamesi ayo, nabemi baseTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo, ummandla onduli zintathu.

12. Babengenako oonyana bakaManase akuyihlutha loo mizi; amaKanan akuphikela ukuma kwelo zwe.

13. Kwathi, bakomelela oonyana bakaSirayeli, bawafaka uviko amaKanan, àbawagqogqa kuphele.

14. Bathetha oonyana bakaYosefu noYoshuwa, besithi, Yini na ukuba usinike ilifa laqashiso linye, nasabelo sinye, singabantu abaninzi nje, esisikelele nje uYehova kangakanana unangoku?

15. Wathi uYoshuwa kubo, Ukuba ningabantu abaninzi, nyukani niye emahlathini, nizihlahlele ezweni lamaPerizi nelamaRafa, xa kuxineneyo kuni ezintabeni zakwaEfrayim.

16. Bathi oonyana bakaYosefu, Ilizwe eli leentaba alisilingene; ke ziinqwelo zesinyithi kumaKanan onke amiyo ezweni lamathafa aseBheteshehan namagxamesi ayo, kwanasemathafeni aseYizereli.

17. Wathi uYoshuwa kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase, Ningabantu abaninzi, ninamandla amakhulu; aliyi kuba linye iqashiso lenu;

18. kuba eleentaba liya kuba lelenu, ngokuba lingamahlathi. Nòwahlahla, iinyele zawo zibe zezenu; kuba niya kuwagqogqa amaKanan, nakuba eneenqwelo zesinyithi, nakuba omelele.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 17