Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 16:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Laphuma iqashiso noonyana bakaYosefu, lathabathela eYordan malunga neYeriko ngasemanzini aseYeriko ngasempumalanga, kwintlango enyuka eYeriko, eya ezintabeni ngaseBheteli.

2. Waphuma umda eBheteli, wasinga eLuzi, wegqitha waya emdeni wama-Arki eAtaroti; wehla waya entshonalanga emdeni wamaYafeleti,

3. wesa emdeni weBhete-horon yasezantsi, wesa eGezere; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.

4. Balabelwa ke ilifa labo oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim.

5. Umda woonyana bakaEfrayim wenjenje: umda welifa labo ngasempumalanga wayiAtaroti-adare, wesa eBhetehoron engasentla;

6. waphuma umda waya elwandle, eMikemetati ngasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-shilo, wegqitha khona ngasempumalanga eYanowa;

7. wehla eYanowa waya eAtaroti, naseNaharati, weza eYeriko, wema ngeYordan;

8. umda wesuka eTapuwa waya entshonalanga, eMlanjaneni weeNgcongolo; nokuma kwawo waya wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo;

9. nemizi leyo yahlulelwa oonyana bakaEfrayim yayiphakathi kwelifa loonyana bakaManase; yonke imizi yayinemizana yayo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 16