Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:6-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen.

7. Wenyuka umda waya eDebhiri, uvela entilini yeAkore, wabheka entla eGiligali, malunga nokunyuka kweAdumin ngasezantsi komlanjana; wegqitha apho waya emanzini ase-En-shemeshe, ukuma kwawo wema nge-En-rogele.

8. Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi: yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekupheleni kwentili yamaRafa ngasentla.

9. Wahlaba umda, wathabathela encotsheni yentaba, waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphuma waya emizini yasentabeni kaEfron, wahlaba waya eBhahala: yiKiriyati-yeharim ke leyo.

10. Wajika umda eBhahala ngasentshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wegqitha waya egxalabeni leHar-yeharim ngasentla: yiKesalon ke leyo; wehla waya eBheteshemeshe, wegqitha waya eTimna.

11. Waphuma umda waya egxalabeni le-Ekron ngasentla, wahlaba umda waya eShikron, wegqitha waya entabeni yeBhahala, wema ngeYabheneli umda waya wema ngolwandle.

12. Umda wasentshonalanga lulwandle olukhulu nommandla walo. Nguwo lowo umda woonyana bakaYuda ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.

13. UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa: umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo,

14. Wabagqogqa apho uKalebhi oonyana bobathathu baka-Anaki, uSheshayi noAhiman noTalemayi, inzalo ka-Anaki.

15. Wenyuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili.

16. Wathi uKalebhi, Othe wayibulala iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.

17. Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

18. Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

19. Yathi, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi.

20. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo.

21. Imizi ethabathele ekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda, yesa emdeni wakwaEdom ezantsi, yabe iyiKabhetseli, ne-Edere, neYagure,

22. nKina, neDimona, neAdada,

23. neKedeshe, neHatsore, neItenan,

24. iZifi, neTelem, neBhehaloti,

25. neHatsore-hadata, neKeriyoti-hetseron (yiHatsore ke leyo);

26. iAmam, neShema, neMolada,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15