35. ne-Enam; iYarmuti, neAdulam,
36. iSoko, neAzeka, neShaharim, neAditayim, neGedera, neGederotayim: imizi elishumi elinaminé inemizana yayo.
37. ITsenan, neHadasha, neMigedali yakwaGadi,
38. neDilan, neMizpa, neYoketeli;
39. iLakishe, neBhotsekati, ne-Eglon,
40. neKabhon, neLamasi, neKitilishe,
41. neGederoti, iBhete-dagon, neNahama, neMakeda: imizi elishumi elinamithandathu inemizana yayo.
42. ILibhena, ne-Etere neAshan,
43. neIfeta, neAshna, neNetsibhi,
44. neKehila, neAkezibhi, neMaresha: imizi esithoba inemizana yayo.
45. IEkron, namagxamesi ayo, nemizana yayo;
46. kwathabathela e-Ekron ngasentshonalanga, yonke esecaleni leAshdode, nemizana yayo.
47. IAshdode, namagxamesi ayo, nemizana yayo; iGaza namagxamesi ayo, nemizana yayo, kwesa kumlanjana weYiputa, nolwandle olukhulu, nommandla walo.
48. Esezintabeni: yiShamire, neYatire, neSoko,