Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:17-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

18. Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

19. Yathi, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi.

20. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo.

21. Imizi ethabathele ekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda, yesa emdeni wakwaEdom ezantsi, yabe iyiKabhetseli, ne-Edere, neYagure,

22. nKina, neDimona, neAdada,

23. neKedeshe, neHatsore, neItenan,

24. iZifi, neTelem, neBhehaloti,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15