Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 13:30-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Umda wabo wathabathela eMahanayim: iBhashan yonke, bonke ubukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eseBhashan, imizi emashumi mathandathu.

31. Nesiqingatha saseGiliyadi, neAshtaroti, ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan, yaba yeyoonyana bakaMakire, unyana kaManase, isiqingatha soonyana bakaMakire ngokwemizalwane yabo.

32. Ngawo lawo amafa awawabayo uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga.

33. Ke isizwe sakwaLevi uMoses akasinikanga lifa. NguYehova uThixo kaSirayeli ilifa laso, njengoko wathethayo kuso.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 13