Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wesuka uAdonitsedeki ukumkani waseYerusalem, wathumela kuHoham ukumkani waseHebron, nakuPiram ukumkani waseYarmuti, nakuYafiya ukumkani waseLakishe, nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon, esithi,

4. Nyukani nize kum, nindincede, siyixabele iGibheyon; kuba yenzé uxolo noYoshuwa noonyana bakaSirayeli.

5. Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo.

6. Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kúthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni.

7. Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti.

8. Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho.

9. Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10