Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 1:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona ooyise, ukuba ndiya kubanika.

7. Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona.

8. Ize ingesuki incwadi yaló myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba wòba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.

9. Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.

10. Waza uYoshuwa wabawisela umthetho ababhali babantu, wathi,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 1