Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 1:5-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.

6. Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona ooyise, ukuba ndiya kubanika.

7. Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona.

8. Ize ingesuki incwadi yaló myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba wòba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.

9. Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.

10. Waza uYoshuwa wabawisela umthetho ababhali babantu, wathi,

11. Candani phakathi kweminquba, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako, ngokuba kusele imihla emithathu, ukuze niyiwele iYordan le, ningene nilihluthe ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba limiwe nini.

12. NakumaRubhen, nakumaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi uYoshuwa,

13. Likhumbuleni ilizwi awaniwisela umthetho ngalo uMoses, umkhonzi kaYehova, esithi, uYehova uThixo wenu uniphumzile, waninika eli lizwe.

14. Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, yohlala kweli lizwe aninika lona uMoses nganeno kweYordan; niwele ke nina nixhobile phambi kwabazalwana benu, nonke nina magorha anobukroti, nibancede,

15. ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balihluthe nabo elo lizwe abanikayo uYehova uThixo wenu; nibuyele ke ezweni enilihluthileyo, nime kulo elo waninikáyo uMoses umkhonzi kaYehova nganeno kweYordan, ngasempumalanga.

16. Bamphendula ke uYoshuwa, besithi, Izinto zonke osiwisele umthetho ngazo sozenza, nalapho sukuba usithume khona soya.

17. Ngako konke esamphulaphula ngako uMoses, siya kwenjenjalo ukukuphulaphula nawe; kodwa ke uYehova uThixo wakho unga angaba nawe, njengokuba wayenoMoses.

18. Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangàwaphulaphuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, mababulawe; kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 1