Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyona 4:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi.

4. Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?

5. Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.

6. UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.

funda isahluko epheleleyo Uyona 4