Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyona 1:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wènzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angásikhumbula, singabhubhi.

7. Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sázi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona.

8. Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? úyintoni na umsebenzi wakho? ùvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ùngowabaphi na abantu?

9. Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo.

10. Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.

11. Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke?

12. Kuba ulwandle belusiya lusilwa. Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle, ludambe ulwandle, luniyeke; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, ùphezu kwenu, úngenxa yam.

13. Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwazo ngeenxa zonke.

14. Anqula uYehova, athi, Gxebe, Yehova, masingafi, masingafi ngomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenzé ngokuthanda kwakho.

15. Amfunqula ke uYona, amjulela elwandle; lwazola ulwandle, lwakuyeka ukujala kwalo.

funda isahluko epheleleyo Uyona 1