Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyona 1:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kuYona, unyana ka-Amitayi, lisithi,

2. Suk' ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo; kuba iindawo zawo ezimbi zinyukile, zeza phambi kwam.

3. Wesuka uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova. Wehla ke waya eYafo, wafumanana nenqanawa eya eTarshishe. Wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova.

4. Ke uYehova wagalelekisa umoya omkhulu elwandle; kwabakho umoya omkhulu ovuthuzayo elwandle, inqanawa leyo yanga iza kwaphuka.

5. Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona.UYona ke wayehlé waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala.

6. Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wènzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angásikhumbula, singabhubhi.

7. Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sázi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona.

8. Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? úyintoni na umsebenzi wakho? ùvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ùngowabaphi na abantu?

funda isahluko epheleleyo Uyona 1