7. Ulothetha elangeni lingaphumi,Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
8. Ulotwabulula ixulu eyedwa,Anyathele emimangweni yolwandle;
9. Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere,* namaKroza, nesiLimela,Neengontsi zasezantsi.
10. Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.
11. Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni;Uthi phe, ndingamqondi,
12. Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo?Ngubani na ongáthi kuye, Wènza ntoni na?
13. UThixo akawunqandi umsindo wakhe;Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.
14. Ndingáthini na ke mna ukumphendula,Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?
15. Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli;Ndingátarhuzisa kuphela kumgwebi wam.
16. Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula,Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;
17. Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela,Awandise amanxeba am ngelizé,
18. Angàndiphi nokuba ndiphefumle;Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.
19. Ukuba yinto yamandla ekhalipha, úthi, Ndim okhoyo!Ukuba yinto yomgwebo, úthi, Ngubani na oya kundimema?
20. Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba;Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.