Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 9:21-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ndigqibelele; àndiwukhathalele umphefumlo wam;Ndiyabucekisa ubomi bam.

22. Kúnye oko; ngenxa yoko ndithi,Ogqibeleleyo nongendawo úyabatshabalalisa.

23. Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe,Úya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.

24. Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo;Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo.Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?

25. Imihla yam ikhawulezé ngaphezu kwesigidimi;Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;

26. Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo,Njengokhozi luxwila ixhoba.

27. Ndákuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam,Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,

28. Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke,Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.

29. Kuthiwa ndingongendawo mna;Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?

30. Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu,Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,

31. Úbuya kundithi gxwa emhadini,Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.

32. Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule,Siyé ndawonye ematyaleni.

33. Akukho mahluli phakathi kwethu,Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.

34. Makayisuse intonga yakhe kum,Isothuso sakhe masingandidandathekisi:

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 9