Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 8:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane,Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.

8. Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili;Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:

9. Kuba singabezolo thina, asinakwazi;Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.

10. Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe,Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,

11. Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo?Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?

12. Iseluhlaza, ingekaphiwa,Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.

13. Únjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo,Nethemba lomkhohlisi liyadaka;

14. Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa;Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.

15. Wayama ngendlu yakhe, ingemi;Úbambelela kuyo, ingahlali.

16. Úluhlaza phambi kwelanga,Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;

17. Iingcambu zakhe zijijene emweweni,Utyhudisa ezingcambeni zamatye.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 8