Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 8:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UThixo angákwenza gwenxa na okusesikweni?USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?

4. Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena,Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;

5. Ukuba ùthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena,Watarhuzisa kuSomandla;

6. Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena,Okunene, wóvuka ngoku ngenxa yakho,Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;

7. Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane,Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.

8. Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili;Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:

9. Kuba singabezolo thina, asinakwazi;Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.

10. Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe,Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,

11. Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo?Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?

12. Iseluhlaza, ingekaphiwa,Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.

13. Únjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo,Nethemba lomkhohlisi liyadaka;

14. Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa;Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 8