Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 8:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Úluhlaza phambi kwelanga,Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;

17. Iingcambu zakhe zijijene emweweni,Utyhudisa ezingcambeni zamatye.

18. Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe,Yomkhanyela ithi, Andikubonanga.

19. Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe,Ize eluthulini kuntshule abanye.

20. Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo,Akababambi ngesandla abenzi bobubi.

21. Úya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka,Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:

22. Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana,Ingabi sabakho intente yabangendawo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 8