Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 8:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,

2. Kunini na uthetha izinto ezinje?Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?

3. UThixo angákwenza gwenxa na okusesikweni?USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?

4. Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena,Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;

5. Ukuba ùthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena,Watarhuzisa kuSomandla;

6. Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena,Okunene, wóvuka ngoku ngenxa yakho,Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;

7. Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane,Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.

8. Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili;Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:

9. Kuba singabezolo thina, asinakwazi;Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 8