Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 7:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso,Ndabalelwa nobusuku bobubi.

4. Ndakuba ndilele phantsi, ndithi,Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile,Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.

5. Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba;Ulùsu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.

6. Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki,*Iphela kungekho themba.

7. Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam;Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.

8. Aliyi kuba sandalama iliso londiboni leyo;Amehlo akho ekum, ndingabikho.

9. Liphelile ilifu, limkile;Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.

10. Akabi sabuyela endlwini yakhe,Ingabi samazi indawo yakhe.

11. Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.

12. Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,Ukuba undimisele umlindo?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 7