Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 7:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Njengesicaka esibe sizonda umthunzi,Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?

3. Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso,Ndabalelwa nobusuku bobubi.

4. Ndakuba ndilele phantsi, ndithi,Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile,Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.

5. Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba;Ulùsu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.

6. Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki,*Iphela kungekho themba.

7. Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam;Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.

8. Aliyi kuba sandalama iliso londiboni leyo;Amehlo akho ekum, ndingabikho.

9. Liphelile ilifu, limkile;Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.

10. Akabi sabuyela endlwini yakhe,Ingabi samazi indawo yakhe.

11. Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.

12. Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,Ukuba undimisele umlindo?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 7