Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 6:13-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ákuphelile yini na kum ukuncedakala,Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?

14. Akùhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe,Uya kulahla ukumoyika uSomandla.

15. Abazalwana bam banginizile njengomlanjana,Njengomphantsi wemilanjana etshayo,

16. Emdaka ngumkhenkce,Elizifihla kuyo ikhephu.

17. Ekufikeni kokufudumala iyabhanga;Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.

18. Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo,Inyuka iye enyanyeni, idake.

19. Imikhoko yakwaTema yabheka,Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;

20. Yadana, kuba ibikholosile;Yafika khona, yaneentloni.

21. Kuba ngoku nisuké naba yinto engento,Niboné ukuqhiphuka umbilini, noyika.

22. Khe ndatsho na ukuthi, Ethéni kum?Ndípheni emandleni enu?

23. Nindisìndise esandleni sombandezeli,Nindikhùlule esandleni sengqwangangqwili?

24. Ndiyaleni, ndothi cwaka;Nindiqòndise ukulahleka kwam.

25. Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye!Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?

26. Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na?Angumoya amazwi omntu oncamileyo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 6