Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 5:5-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe,Balurhole naseluthangweni lwesiphingo;Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.

6. Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini,Nobuni abuntshuli emhlabeni;

7. Hayi, umntu uzalelwa ububi,Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.

8. Ke mna bendiya kusingisa kuThixo,Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,

9. Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;

10. Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba,Ase amanzi phezu kwamaphandle,

11. Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo,Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.

12. Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo,Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.

13. Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo,Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.

14. Emini baqubisana nobumnyama,Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.

15. Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo,Nasesandleni sowomeleleyo.

16. Kubekho ke ithemba kosweleyo,Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.

17. Yabona, únoyolo mntu owohlwaywa nguThixo!Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!

18. Kuba wénza buhlungu, abophe;Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

19. Ezimbandezelweni ezintandathu úya kukuhlangula,Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;

20. Endlaleni úkukhulula ekufeniEmfazweni úkukhulula ekuxatyelweni ngekrele,

21. Eziniyeni yolwimi ùzinyezwe,Ungoyiki imbuqo, yakufika.

22. Imbuqo nendlala ùya kuyihleka,Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 5