Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 5:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane,Nekhwele liyambulala osisiyatha.

3. Ndimbonile mna osisimathane emila;Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.

4. Bakude nosindiso abantwana bakhe,Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;

5. Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe,Balurhole naseluthangweni lwesiphingo;Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.

6. Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini,Nobuni abuntshuli emhlabeni;

7. Hayi, umntu uzalelwa ububi,Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.

8. Ke mna bendiya kusingisa kuThixo,Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,

9. Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;

10. Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba,Ase amanzi phezu kwamaphandle,

11. Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo,Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.

12. Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo,Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.

13. Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo,Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.

14. Emini baqubisana nobumnyama,Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.

15. Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo,Nasesandleni sowomeleleyo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 5