Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 5:16-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Kubekho ke ithemba kosweleyo,Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.

17. Yabona, únoyolo mntu owohlwaywa nguThixo!Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!

18. Kuba wénza buhlungu, abophe;Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

19. Ezimbandezelweni ezintandathu úya kukuhlangula,Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;

20. Endlaleni úkukhulula ekufeniEmfazweni úkukhulula ekuxatyelweni ngekrele,

21. Eziniyeni yolwimi ùzinyezwe,Ungoyiki imbuqo, yakufika.

22. Imbuqo nendlala ùya kuyihleka,Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.

23. Kuba ùnqophisene namatye asendle,Amarhamncwa asendle axolelene nawe;

24. Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho,Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;

25. Uyàzi ukuba ininzi imbewu yakho,Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.

26. Ùya kungena engcwabeni womeléle,Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.

27. Bôna, oku sìkugocágocile, kunjalo;Kúve, ukwazi wena ngokwakho.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 5