16. Kubekho ke ithemba kosweleyo,Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
17. Yabona, únoyolo mntu owohlwaywa nguThixo!Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
18. Kuba wénza buhlungu, abophe;Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
19. Ezimbandezelweni ezintandathu úya kukuhlangula,Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
20. Endlaleni úkukhulula ekufeniEmfazweni úkukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
21. Eziniyeni yolwimi ùzinyezwe,Ungoyiki imbuqo, yakufika.
22. Imbuqo nendlala ùya kuyihleka,Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
23. Kuba ùnqophisene namatye asendle,Amarhamncwa asendle axolelene nawe;