1. Khawubize kambe, ukuba úkho na owokuphendula.Ùya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
2. Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane,Nekhwele liyambulala osisiyatha.
3. Ndimbonile mna osisimathane emila;Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
4. Bakude nosindiso abantwana bakhe,Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;