Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 42:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bendikuva ukukuva ngendlebe,Kungoku iliso lam likubonile.

6. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye,Ndiseluthulini naseluthuthwini.

7. Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.

8. Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.

9. Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.

10. UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon' ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.

11. Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.

12. UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesiné lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.

13. Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,

14. igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.

15. Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.

16. Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mané, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zaziné.

17. Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 42