1. UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
2. Ndiyazi ukuba ùnako ukufeza konke,Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
3. Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi?Ngoko ke ndithethé ndingaziqondiIzinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
4. Khawuphulaphule, ndithethe mna;Ndiya kubuza kuwe, undazise.
5. Bendikuva ukukuva ngendlebe,Kungoku iliso lam likubonile.
6. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye,Ndiseluthulini naseluthuthwini.