Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 41:11-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.

12. Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.

13. Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo?Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?

14. Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula?Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.

15. Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo,Zivalwé ngetywina eliqinileyo.

16. Zisondelene enye nenye,Akungeni moya phakathi kwazo.

17. Zinamathelene enye kwenye,Zibambene, zingabi nakwahlukana.

18. Ukuthimla kwayo kukhupha imitha,Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.

19. Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo,Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.

20. Emathatheni ayo kuphuma umsi,Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.

21. Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle,Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.

22. Entanyeni yayo kuphuma amandla,Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.

23. Imihlubulo yenyama yayo inamathelene,Iqinile kuyo, ayishukumi.

24. Intliziyo yayo iqine njengelitye,Iqine njengelokusila langaphantsi.

25. Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele,Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.

26. Lifike kuyo ikrele, àlimi;Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.

27. Ithi síngumququ isinyithi,Livithi ubhedu.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 41