Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 41:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Akukho sijorha sokuyixhokonxa;Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?

11. Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.

12. Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.

13. Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo?Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?

14. Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula?Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.

15. Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo,Zivalwé ngetywina eliqinileyo.

16. Zisondelene enye nenye,Akungeni moya phakathi kwazo.

17. Zinamathelene enye kwenye,Zibambene, zingabi nakwahlukana.

18. Ukuthimla kwayo kukhupha imitha,Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.

19. Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo,Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 41