Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 40:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Líbone lonke ikratshi, ulithobe,Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.

13. Báqhusheke eluthulini kunye,Ububophe ubuso babo emfihlekweni.

14. Nam ndokudumisa,Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.

15. Khawuyibone imvubu endayenza yanawe:Idla utyani njengenkomo.

16. Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo,Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.

17. Igoba umsila wayo njengomsedare,*Imisipha yamathangá ayo ibhijelene.

18. Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu,Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.

19. Iyintlahlela yeendlela zikaThixo;UMenzi wayo wayinika ikrele layo.

20. Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla,Onke amarhamncwa asendle adlala khona.

21. Ibutha phantsi kwemitholo,Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo.

22. Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo;Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza.

23. Yabona, úhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli;Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 40