Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 40:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYehova wamphendula uYobhi, wathi,

2. Wóbambana noSomandla na ke umthethiswa?Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.

3. UYobhi wamphendula uYehova, wathi,

4. Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula?Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.

5. Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule;Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.

6. UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,

7. Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo;Ndiya kukubuza, undazise.

8. Kanene ùya kwaphula nogwebo lwam na,Undigwebe, ukuze ube lilungisa?

9. Ùnengalo enjengekaThixo na,Ududume ngezwi njengaye?

10. Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho,Wambathe indili nobungangamela.

11. Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho,Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.

12. Líbone lonke ikratshi, ulithobe,Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.

13. Báqhusheke eluthulini kunye,Ububophe ubuso babo emfihlekweni.

14. Nam ndokudumisa,Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 40