Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 4:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngokubona endiboné ngako, abalima inkohlakalo,Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.

9. Badaka ngokuphefumla kukaThixo,Baphela ngumoya womsindo wakhe.

10. Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo,Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.

11. Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga;Amathole engonyamakazi achithakele.

12. Ndìcothelwe lilizwi,Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.

13. Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku,Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu,

14. Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela,Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi.

15. Kwathi phe umoya ebusweni bam,Yaba namanwele inyama yam.

16. Wema, andayinakana imbonakalo yawo;Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am;Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,

17. Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo?Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 4