Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 4:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kungokunje into izé kuwe, wadinwa;Ifike kuwe, wakhwankqiswa.

6. Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na?Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?

7. Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa?Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?

8. Ngokubona endiboné ngako, abalima inkohlakalo,Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.

9. Badaka ngokuphefumla kukaThixo,Baphela ngumoya womsindo wakhe.

10. Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo,Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.

11. Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga;Amathole engonyamakazi achithakele.

12. Ndìcothelwe lilizwi,Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 4