15. Kwathi phe umoya ebusweni bam,Yaba namanwele inyama yam.
16. Wema, andayinakana imbonakalo yawo;Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am;Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,
17. Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo?Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?
18. Yabona, àkakholwa ngabakhonzi bakhe,Nezithunywa zakhe uthi zingábaphosisi;
19. Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka,Abasiseko siseluthulini,Abatyunyuzwa njengamanundu?
20. Kusa kuhlwe, beqotywa;Badake kuphele, kungekho ugqalayo.