Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 4:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

2. Kungákudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe?Engubani na onako ukuzibamba angathethi?

3. Yabona, uthethise abaninzi,Wazomeleza izandla eziwileyo;

4. Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo,Wawaqinisa amadolo agevegeve.

5. Kungokunje into izé kuwe, wadinwa;Ifike kuwe, wakhwankqiswa.

6. Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na?Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?

7. Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa?Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?

8. Ngokubona endiboné ngako, abalima inkohlakalo,Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.

9. Badaka ngokuphefumla kukaThixo,Baphela ngumoya womsindo wakhe.

10. Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo,Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 4