Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 36:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;Úbahlalisa kunye nookumkani etroneniNgonaphakade, baphakame ke.

8. Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,

9. Úbaxelela izenzo zaboNezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.

10. Uzityhilela intethiso iindlebe zabo;Uthi mababuye ebutshingeni.

11. Ukuba bathe beva, bamkhonza,Boyigqiba imihla yabo ekulungeni,Neminyaka yabo ebumnandini.

12. Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni,Baphume umphefumlo bengenakwazi.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 36