Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 36:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Akamlondolozeli ebomini ongendawo;Iintsizana uzinika ibango lazo.

7. Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;Úbahlalisa kunye nookumkani etroneniNgonaphakade, baphakame ke.

8. Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,

9. Úbaxelela izenzo zaboNezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.

10. Uzityhilela intethiso iindlebe zabo;Uthi mababuye ebutshingeni.

11. Ukuba bathe beva, bamkhonza,Boyigqiba imihla yabo ekulungeni,Neminyaka yabo ebumnandini.

12. Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni,Baphume umphefumlo bengenakwazi.

13. Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo;Abazibiki xa abakhonkxayo;

14. Úfe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo,Nobomi babo bube bobeng'awu kwindawo engcwele.

15. Úyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe,Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 36